Izilinganisi-santya
Imoto eyilelwe okanye ekwaziyo ukufikelela kwisantya se-60 km/h okanye ngaphezulu, kufuneka ixhotyiswe ngesilinganisi-santya esisebenza kakuhle.
Imida Yesantya
Umda wesantya jikelele usebenza kuzo zonke iindlela kwaye akunyanzelekanga ukuba uboniswe luphawu lwetrafikhi yendlela.
Ngaphandle kokuba kuboniswe okwahlukileyo luphawu lwetrafikhi yendlela, umda wesantya:
- weekhilomitha ezingama-60 ngeyure usebenza kuyo yonke indlela kawonke-wonke esedolophini,
- weekhilomitha ezili-100 ngeyure usebenza kuyo yonke indlela kawonke-wonke engenguye uhola wendlela, engaphandle kwedolophu, kwaye
- weekhilomitha ezili-120 ngeyure usebenza kuwo wonke uhola wendlela.
Ukugqitha umda wesantya lulwaphulo-mthetho.
Umda Wesantya Weemoto Ezithutha Abantu Ngentlawulo
Umda wesantya weekhilomitha ezili-100 ngeyure usebenza ku:
- ibhasi, kwaye
- iminibhasi
Umda Wesantya Wodidi Oluthile Lweemoto
Umda wesantya weekhilomitha ezingama-80 ngeyure usebenza ku:
- imoto yempahla ene-GVM engaphezu kweekhilogram ezizi-9000,
- umdibaniso weemoto obandakanya imoto yempahla, eyimoto etsalayo, kunye netreyila enye okanye ezimbini apho isamba sobunzima bemoto bobonke bemoto yempahla nebetreyila okanye iitreyila sigqitha kwiikhilogram ezizi-9 000, okanye
- imoto edibeneyo, apho ubunzima bomdibaniso bobonke betraki-trektara bugqitha kwiikhilogram ezizi-9000,
- nayiphi na imoto yokuhlangula etsala enye imoto.
Pass